


Imali ekufuneka uyihlawule kule nyanga. Idibanisa nemali yenyanga engaphambili


8 BONA XHOSA - October 1996


Abafundi Abatsha
UKUFUNDA UKUBHALA
NOKUFUNDA
Incwadi ekubonisa ityala
Zonke iinyanga uya kufumana incwadi ekuchazela ukuba lingakani ityala lakho. Kufuneka uyifundisise uyiqonde le ncwadi. Iya kukuxelela izinto ozithengileyo, ityala lakho nokuthi ufanele uhlawule malini . Makhe sijonge ekaBibi kunye.


Imali onokuthenga ngayo ngetyala
Imali	Usasityala le
ekufuneka	mali
uyihlawule
kule nyanga
Ukuba uthenge nantoni emva kwalo mhla, iya kuboniswa kwincwadi yenyanga elandelayo.



Inombolo yetyala lakho. ikhadi othenga ngalo liya kuba nale nombolo .



Imali eshiyekileyo




Uhlawulo inzalo xa uhlawula emva kwexesha, okanye uza kuhlawula ixesha elide.
Imali eselityala fakho
Umsebenzi 2
Ngoku phendula le mibuzo ilandelayo.
1.	Ngaba liyimalini ityala likaBibi aza kulihlawula ngeenyanga ezili-12?
2.	Kungani uBibi kufuneka ahlawule inzalo ye-R1,53 ?
	Kungani uBibi kufuneka ahlawule i-R80 abe ehlawula
	i-R70 ngenyanga?
4.	Ngaba unokuthenga ngamalini ngetyala uBibi?
















Abafundi Abatsha
AMABALI
AMAFUTSHANE


UTommy wayethandana nentombi eyayisebenza eHHL . Yayintle yaye ingumntu wabantu. Wayethanda ukuthetha izinto ezilula nayo, wayengazithethi nayo izinto eziba1ulekileyo kuthi sobathathu. Yayingakuthandi ukufunda iincwadi, kanti uTommy wayekuthanda ukufunda iincwadi nokuphulaphula umculo. Le ntombi yazama nje yona ukuba ifane noTommy .

Le ntombazana yayityhilekile yaye sasiyithanda sinoJonny njengodade. Oko kusenokuvakala kumangalisa, kanti akunjalo. Nkqu noTommy wayengathethi ngokuthandana okunenjongo. Wayesithi kunzima ukufumana intombi emfaneleyo kweli lizwe ngenxa yemeko zelizwe. Ngoko wayonwabile nesithandwa sakhe.

Nathi sazama ukwenjenjalo sinoJonny , kodwa amalinge ethu awa phantsi. uJohnny wayengafani tu noTommy . Sasingabantu abangafaniyo kangangokuba andiyazi into eyayisenza sivane.

uJohnny wayekuthanda ukuncokola yaye engumntu onengxolo. Wayesoloko esenza izinto ezingalunganga. Wayesoloko ezifaka ezingxakini kuze kufuneke simncede sinoTommy . Ebantwini abangamaziyo wayengumntu ongachanekiyo ukuba unjani nongakhathaliyo.

Umama wakhe wayebulewe yindlala. Wayesesikolweni yena ngelo xesha, ngoko wayiva emva kwexesha elide loo nto. Wayezibulala ngendlala kuba efuna ukufundisa unyana wakhe yaye yena wayengayazi loo nto. Emva wachitha ixesha elininzi eyedwa yaye ethe cwaka. Nkqu nathi sinoTommy sasingafikeleli kuye. Wayengangeneki tu. Kuthi wayesenguJonnyi esimaziyo qha engonwabanga. Wayetshintshile kumntu wonke. Kodwa akazange ayeke ukuphoxa abantu uJohnny , yaye wayenobuchule bokususa uchuku. Babembalwa abantu ababemqonda, uninzi lumgxeka.

Nobam ubomi babufana nobabo. Ndandilihlwempu, ndifuna intombi eza kuba liqabane lam nezinye izinto onokuzifumana emfundweni xa ungenguye uMlungu eMzantsi-Afrika.

Sathi sakugqiba ukufunda kwisikolo sethu sehlukana, yangulowo wabheka kwelakhe icala. UTommy wayefuna nathi sibe ziititshala . Wayesithi:
Kunceda ngantoni ukufunda into ungazukufumana mali ngayo? uJohnny wayenqwenela ukubona iindawo zehlabathi. Ndathi mna ndiza kuhamba-hamba ukuze ndazi abantu, ndizame nokuziphilisa ngokuba ngumbhali. Bobabini babekhathazekile yimeko yomzimba wam, kodwa mna ndandizimisele.

Savumelana ukuba siya kusoloko siqhagamshelana, saza sohlukana. uJohnny













ndifike. Ndayizama imali yokuya apho Ngombhali walo uPeter
Phulaphula Ufide
kwiRadio Zulu - ngoLwesihlanu ngo2l.30, kwiRadio Xhosa -goLwesine ngo-20.30, kwiSesotho Stereo - ngoLwesine ngo-20.30, kwiSetswana Stereo - ngoMvulo ngo-20.30 kanti iSAFM yona iza kusasaza amabali aseMazantsi eAfrika ngoOktobha nangoNovemba . ngoOktobha unokuva indlela uMatilda akrexezela ngayo indoda yakhe kwibali elithi Suit elibhalwe nguCan Themba; yiva okwenza uMavis aphikisane nomfundisi emngcwabeni kanina kwibali elithi resurrection elibhale nguRichard Rive ; nangebhinqa elifunda macebo amatsha kwindlu yangasese kawonke-wonke kwibali elithi Toilet elibhalwe nguGcina Mhlophe. Sikukhuthaza ukuba waphu1aphu1e la mabali nokuya uye kwithala lencwadi uze uboleke incwadi uzifunde. Liyaphumelela ilizwe elifundayo!
Lindela amanye amabali kuTyhila Ufunde kaNovemba !







wayesiya kwidolophu engaselunxwemeni, apho wayeza kuzama ukukhwela iphenyane, mna ndandingena phakathi elizweni ebantwini abantsundu, UTommy wayeza kufundela ukuba yititshala .

Ndahla ndinyuka iminyaka emithathu. Ndandimana ndifumana iileta ezivela kuTommy , wayesithi akubona into endiyibhalileyo kumaphepha abaNtsundu andifune ngaloo nto. Ngenye imini wandibhalela endixelela ukuba uJohnny uyabuya, esithi kufuneka nam saphinda sabonana kwakhona. Kwenzeka ntoni bakubonana kwakhona abahlobo? Ngaba baziphumeza izinto ababezimilsele ukuzenza ebomini? Zivele ngokuphulaphula unomathotholo wakho. Ibali elithi One Of The Three liza kusasazwa kwiRadio Zulu; iRadio Xhosa; iSesotho Stereo ; iSetswana Stereo neSAFM . Amaxesha eliza kusasazwa ngawo angezantsi! Xa likuphosile ibali unokuyifumana incwadi kwithala lencwadi elikufutshane.

AMABAL1
AMAFUTSHANE
Abrahams
uPeter Abrahams wazalwa ngo1919 eVrededorp , eJohannesburg .
Wahamba eMzantsi-Afrika ngo1939 waya eNgilani eyokwandisa ulwazi lwakhe lokubhala. Nangona ehlala elubhacweni ixesha elininzi, usengumbhali obalulekileyo waseMzantsi-Afrika. uPeter Abrahams ubhala ngeengxaki zaseMzantsi-Afrika. Nangona esebenzisa amagama afana noo-Coloured , u-Native no-European kungenxa wayebhala ebutsheni boo-1900. U-Abrahams uyayigxeka inkqubo yocalucalulo kodwa unomdla kwindlela abaNtsundu kwihlabathi jikelele abaziqonda ngayo imvelaphi yabo. U-Abrahams uhlala eJamaica ngoku apho afumana ubumnandi bokuhlala kwindawo engenalo ucalulo lweentlanga. U-Abrahams ubhale imibongo, iincwadi nencwadi engobomi. Xa unqwenela ukufunda ezinye iincwadi zakhe, nazi ezimbalwa zazo:
incwadi engobomi bemigodi yaseJohannesburg .
incwadi engokuthanda kweentlanga ezahlukeneyo eMzantsi Afrika.
.	incwadi
engobomi bukaAbrahams phantsi worhulumente wocinezelo eMzantsi-Afrika.
Incwadi engekholoni nangamazwe azimeleyo aseAfrika










	---	--- -	-            .
Mnu.Nksk.Nkszn:  Initials	Surname               
idilesi                                             
Igama lebhanki / Building Society                        
Wamkela malini ngenyanga7                             
Ngaba unomzi7                                      
Nika iivenkile ezimbini okhe wathenga kuzo ngetya1a         
Isignitsha                                           
Kutheni befuna ukwazi ukuba unomzi na? Bathetha ntoni ngeevenkile okhe wathenga kuzo ngetyala?








iiAkhawunti nendlela ezisebenza ngayo
Zalisa ifomu yokwenza isicelo. Kufuneka uphethe isazisi nemvulophu yomvuzo ( ipayslip ).

Ivenkile iya kukuxelela ukuba unokuthenga ngamalini ngetyala. Oko kuxhomekeka kwizinto ezinini. Ivenkile iya kujonga umvuzo wakho, enye imali oyifumanayo, ukuba ukhe wathenga na ngetyala ngaphambili nokuthi yimalini onako ukuyihlawula ngenyanga.

Ivenkile iya kukunika ikhadi emva koko unokukhetha izinto ofuna ukuzithenga. Ezinye iivenkile zifuna idiphozithi yempahla oyithengayo, kanti ezinye ziyakuvumela uthenge uze uhlawule izavenge ngenyanga.

Ekupheleni kwenyanga uya kufumana incwadi ekuchazela ngetyala lakho. Iya kukuxelela imali ofanele uyihlawule kuloo nyanga. Xa ungahlawuli ivenkile ifaka imali yenzalo kwityala lakho.

Unokuhlawuliswa inzala naxa uza kuhlawula ngaphezu kweenyanga ezintandathu. Buza ivenkile xa uvula iAkhawunti ukuba uya kuyihlawula inzalo xa uhlawula ngexesha elingakanani.

Abafundi Abatsha
UKUFUNDA UKUBHALA
NOKUFUNDA
Umyinge wetyala nezavenge
UBibi bagqibe ekubeni bavule iiAkhawunti eAmerican Swiss . Masibancede ekuzaliseni iindawo ezinzima kwiifomu zabo. Emva koko ubale ukuba banokuthenga ngamalini?
Umsebenzi
1.	UBibi unokwenza ityala le-R600 . Ngaba unako ukuthenga ilokhwe ye-R179 , izihlangu ze-R155 nebhegi encinane ye-R180 ?

Xa eza kuhlawula ngeenyanga ezintandathu uza kuhlawula malini ngenyanga?

2.	ULydia ufuna ukuthenga iimpahla zokuya emtshatweni. Unelungelo lokuthenga nge-R450 . Unokuthenga ezi zinto zilandelayo.
Unokumkhethela ntoni wena?

ilokhwe umnqwazi izihlangu iikawusi izihombo
Xa unomzi oko kuthetha ukuba unayo Imali . Ezo venkile bazifunela ukuqonda ukuba ubuhlawula njani kuzo.



	Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper

4 BONA XHOSA - October 1996

	inkampani ephambili kweli ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawekufundisa

		BONA XHOSA - October 1996 5

	AbakwaMondi Paper bavuyisana neBona xa igqiba iminyaka engama-40 yaye isiya isomelela

		BONA XHOSA - October 1996 7

	AbakwaMondi Paper banqwenelela iBona eminye iminyaka engama 40 yempumelelo

